IINKONZO ZEELWIMI ZESIZWE
Iinkonzo zeLwimi zeSizwe zinyusa izinga kwaye zikwanika uncedo lonxibelelwano kwiilwimi. Ukugcina iimfuneko zolwimi zoMgaqo Siseko I-NLS ilawula ukungafani kweelwimi zoluntu kwaye inoxanduva lokusebenza ngokumandla zonke iilwimi zabantu bethu ngokuthi ibeke amanyathelo enkqubo yeziphumo ezenziwayo ekunyuseni ukusetyenziswa kwezi lwimi, kwakunye nezo lwimi zingakhathalelwanga ngokwembali.
Umcimbi ongundoqo we-NLS kukufezekisa iimfuneko zolwimi zoMgaqo Siseko ngokunika uncedo, nokunyusa izinga kwakunye nokunika iinkozo zenguqulelo kunye nokuhlela kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni kunye nokulawula ukungafani kweelwimi ngoyilo lweelwimi kunye namaphulo esigama.
I-NLS isebenza njengendlela yenkxaso yeelwimi zobuchule zikaRhulumente ngokuthi yenze inguqulelo yamaxwebhu asemthethweni kwiilwimi zonke ezisemthethweni. Iinkonzo zesigama zayo zinceda ngenkqubela kunye nohlaziyo lobuchule boluhlu lwamagama lweelwimi ezisemthethweni. Imisebenzi yoyilo lweelwimi iquka ukucetyiswa koRhulumente kwinkqubela yenkqubo yolwimi kwakunye nokuzalisekiswa bobuchule bokuphatha umcimbi.
UKUYILWA KWEELWIMI
Ugqaliso lokuqala lweCandelwano loYilo loLwimi lweNkonzo zeLwimi zeSizwe (I-NLS) kukunyusa izinga lentetho yeelwimi ezininzi ezininzi kwakunye nokukhuthaza intlonipho yeelwimi xa zizonke zoMzantsi Afrika lusenzeka kumzekeliso wenguqulo yamagama yezentlalo xa iyonke, inkqubela ngokwembali yeelwimi ezazingathathelwa ngqalelo ifumana ilungelo eliphambili.
Imisebenzi eyintloko yeQelana yile:
Ukuveliswa kwenkqubo yeLwimi ngokuthi uyile ubuchule umcimbi, indlela yokwakhiwa, ukwenza kwakunye nezixhobo zomsebenzi ukuze iphumelele.
Ukuzalisekiswa kwenkqubo yeelwimi ngokubonelela ukuba semthethweni kunye negunya kunye nempembelelo ekusetyenzisweni kweelwimi eMzantsi Afrika.
Ukuxatyiswa kokuzalisekiswa kwenkqubo ukubona ukusebenza kwenkqubo
Icandelwano loYilo lweLwimi lamiswa ngo-Agasti ka-1993 ukunika iingcebiso urhulumente ngenkqubela kunye nokuzalisekiswa kwenkqubo kwimicimbi yelwimi ngokwegatya lesi-6 loMagaqo Siseko. Ukungenisa ukukhanya kunye nokuthatha inxaxheba kangangoko ngabo banomdla kwinto eqhubekayo kwezi Nkqubo kugxininiswe. Umsebenzi weQelana ophambili yaba kukulawula ukwenziwa nde kwenkqubo yokumiswa kweBhodi yeLwimi zoMzantsi Afrika (Pan South African Language Board). Le nkqubo yaqala mgo 1994 ngenkomfa yomhlahlandlela ecebisayo, uLwimi lweNkomfa zonke, ilandelwa luthotho lwengxoxo kawonke-wonke yesizwe jikelele kwaye yema encotsheni ekuyilweni komthetho oyilwayo weBhodi yeLwimi zoMzantsi Afrika ngo 1995.
Ibhodi yeelwimi zoMzantsi Afrika yamiselwa ngo 1996.
Amanye amaphulo elibandakanyeka kulo iQelana ngala :
Inkqubo kunye noYilo loLwimi loMzantsi Afrika
Inkqubo kunye noYilo loLwimi loMzantsi Afrika olusekwe kwicebo le - Langtang lwalungiselelwa emva kokucebisana kunye nophando. Ngo - Disemba ka - 1999 uMphathiswa wonyula iqela elicebisayo ukuba lilungiselele ingxelo yokugqibela eyanikezelwa kwabo banomdla kwinto eqhubekayo kwi Indaba yezoLwimi ngo Matshi ka - 2000. Ukulandela amagqabantshintshi asuka kubantu abathatha inxaxheba kwi-Indaba, iQela Elicebisayo laqwalasela kwakhona iNkqubo kunye noYilo loMzantsi Afrika.
Inkqubo kunye noLwimi loMzantsi Afrika lwanikezelwa sisigqeba soMbuso seKomiti yeCandelo leZentlalo ngomhla we-13 kaSeptemba ka-2000. Ikomiti yacebisa okokuba uxwebhu lwengxoxo olungaphaya kulo mba luveliswe, kukuthathelwa ingqalelo amalungelo ezimali. Okulandela la macebo luvavanyo olubanzi olwenziwa kumasebe kunyenamaphondo karhulumente kazwelonke ukubonisa iwonga lwelwimi ezikhoyo zamaziko akhoyo ukuze umbuso ube nokusebenza. Uthelekelelo lwexabiso lwenkqubo ecetyiweyo luyenziwa ngentsebenziswano neSebe leZemali likaZwelonke.
I-TISSA (Inkonzo zeNgcinga zokuTolika zoMzantsi Afrika).
Eli phulo lelinye lokuphumeza ubuchule bokuphatha umcimbi wenkqubo ecetyiweyo. Izithintelo zelwimi zisa bakhanyelela abantu boMzantsi Afrika ilungelo lenkonzo zikaRhulumente elilinganayo ingakumbi abantetho yelwimi zase-Afrika . Inkonzo neNgcingo zokutolika eMzantsi Afrika zingenza kwenzeke kumntu ngamnye ukuba anxibelelane nabasemagunyeni ngentetho yolwimi lwakhe, umzekelo kwindawo ezinje ngesibhedlela, izitishi zamapolisa kunye ne-ofisi zikaRhulumente. Iinkonzo zokulingwa zisacingwa kunyaka ka-2000 / 2001 kwilokishi ezikhethiwey, iiyure ezili-12 ngosuk, ukusukela ngo-07:00 ukuya ku-19:00, iintsuku ezintandathu ngeveki.
HOYOZELA Kuba iilwimi zethu zezethu sonke
Kwenza abantu bukhali ekubalulekeni kolwimi kumbutho wethu.
Ukuqinisekisa okokuba bonke abemi baya waqonda amalungelo wabo asemthethweni ngokubhekiselele kulwimi; kunye
Nokunyusa izinga lentetho yeelwimi ezininzi ukuze Abantu boMzantsi Afrika babone intetho yelwimi ezininzi njengobutyebi obunexabiso.
Isigaba sokuqala seli phulo sigqalise kwiNkonzo zikaWonkewonke size sona Isigaba sesibini sigqalise kuwonkewonke obanzana. Imveliso zeli phulo zikhalenda eziyintetho yeelwimi ezininzi, izibhengezo, I-Lingo Pals (ezinamabinzana abulisayo ngelwimi ezilishumi elinanye) kunye neteyiphu ye-TV, Ulwimi lokuZalwa, olusetyenziswa kwizindlu zokusebenzela.
I-UNESCO ilungiselela ngoku Ingxelo yeeLwimi zeHlabathi enjongo yayo ikukuchaza ukungafani kweelwimi zehlabathi, ifunda ukudaleka kwakunye nendlela yangoku yeelwimi, kwaye icacise neengxaki ezibachaphazelayo kwimimandla eyahlukahlukeneyo yehlabathi jikelele. Ngale ngxelo I-UNESCO ifuna ukutsala umdla kwimfuneko yolawulo efanelekileyo yelifa leelwimi zehlabathi.
Iinkonzo yeLwimi zikaZwelonke yacelwa yi-UNESCO ukuba ithathe inxaxheba kuvavanyo ukuqokelela ulwazi ukunika ingxelo yelwimi zonke ezisemthethweni kwangokunjalo ne-Khoe, I-San kunye neLwimi zesi-Nama zoMzantsi Afrika. Kuba ubunzulu bolwazi lolwimi lwalufuneka kwuvavanyo zimvo iphepha lokuphendula imibuzo lanikezelwa kwingcali ezaziwayo zeelwimi ukuze zinikezela ulwazi.Ubutyebi bolwazi lwaqokelelwa kwintlobo ngentlobo zesimo seelwimi eMzantsi Afrika, ezinje ngolwazi lwejografi, iyantlukwantlukwano, inani labo bathetha ulwimi ngalunye, ulwazi lwemfuduko, umsebenzi wezoqoqosho webandla ngalinye elithethayo, ingcingane zolwimi, iqela elinoxanduva lwenkqubo yolwimi kunye noyilo ngalunye kunye nezithethe zokufunda.
Ugcino lolwazi kwimiba yolwimi
Upapasho
Ukufumana ulwazi olungaphaya, nceda udibane no:
Intloko: Uyilo lweeLwimi
